1 Ngoko, nílulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi,
2 walangazeleleni, ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;
3 ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele.
4 Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa línyuliwe nguThixo, línqabile: