6 Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi,Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo;Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe.(UIsaya 28:16)
7 Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo,
8 Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa,(INdum. 118:22)kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.
9 Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso;
10 enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.
11 Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.
12 Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.