10 KubaLowo unga angathanda ubomi,Ayibone imihla elungileyo,Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini,Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;
11 Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;Makafune uxolo, aluphuthume.
12 Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.(INdum. 34:12-16)
13 Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?
14 Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.
15 INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;
16 ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.