11 Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;Makafune uxolo, aluphuthume.
12 Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.(INdum. 34:12-16)
13 Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?
14 Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.
15 INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;
16 ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
17 Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi.