2 ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko.
3 Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo;
4 makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.
5 Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda;
6 njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nákuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.
7 Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.
8 Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.