2 Walúseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela;
3 kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi.
4 Nòthi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.
5 Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.
6 Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.
7 Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.
8 Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;