2 Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe.
3 Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.
4 Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.
5 Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?
6 Lowo nguló wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; engenawo amanzi odwa, enawo amanzi, enalo igazi. UMoya ke unguló ungqinayo, ngokuba uMoya uyiyo inyaniso.
7 Ngokuba bathathu abo bangqinayo [emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye.
8 Bathathu abo bangqinayo emhlabeni]: uMoya, namanzi, negazi; aba bathathu basingise ntweni-nye.