28 nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingáthi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo;
29 ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.
30 Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo;
31 ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.