18 Kuba kuqala ke, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho.
19 Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu.
20 Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nídle isidlo seNkosi;
21 kuba ekudleni kwenu elowo udla okwakhe ukudla; uqala adle, bengekafiki abanye, aze omnye alambe, omnye anxile.
22 Kanene aninazindlu na zokudlela nokusela? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndíthini na kuni? Ndínidumise na kule nto? Andinidumisi.
23 Kuba mna ndakwamkela kuyo iNkosi oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka;
24 yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, ndile, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula.