9 kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi, kwadalwa umfazi ngenxa yendoda.
10 Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.
11 Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda;
12 kuba, njengokuba umfazi ephumé kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphumé kuThixo.
13 Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele?
14 Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo?
15 Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo.