2 Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako.
3 Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi úyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele.
4 Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye.
5 Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye.
6 Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.
7 Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke;
8 kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya;