5 alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa;
6 alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.
7 Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.
8 Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.
9 Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.
10 Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.
11 Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.