18 Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke;
19 kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.
20 Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.
21 Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.
22 Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo.
23 Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza?
24 Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane;