28 Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.
29 Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.
30 Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.
31 Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.
32 Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;
33 kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.
34 Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba àbavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.