6 Emveni koko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.
7 Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.*
8 Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim.
9 Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.
10 Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.
11 Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, sènjenjalo thina ukushumayela; nènjenjalo ke nina ukukholwa.
12 Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?