10 Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam.
11 Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.
12 Ke kaloku, ngaye uApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.
13 Phaphani, yimani elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.
14 Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.
15 Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),
16 ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.