3 Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.
4 Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,
5 ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.
6 Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo.
7 Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;
8 ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebangayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),
9 njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa,Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu,Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.(UIsaya 64:4)