9 njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa,Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu,Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.(UIsaya 64:4)
10 UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.
11 Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
12 Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkéle uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo;
13 esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.
14 Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.
15 Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.