4 Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na?
5 Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana?
6 Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwènze phambi kwabangakholiweyo.
7 Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningàthi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningàthi kanye nivume ukulunyukiswa?
8 Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana.
9 Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa,
10 namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.