6 uYise, eziphuma kuye izinto zonke; nathi sikholo yena. Inye iNkosi, uYesu Kristu, ezingayo zonke izinto; nathi singaye.
7 Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokudliwa kwedini elenziwe kwisithixo, size isazela sabo, siswele amandla nje, sidyobheke.
8 Ukudla akusithandisi kuye uThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asithanga sidle, asisilele nganto.
9 Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla.
10 Kuba xa athe ubani wakubona, wena ungonokwazi, uhleli esithebeni etempileni yezithixo, asisayi kuthi na isazela sakhe, eswele amandla nje, somelezelwe ukudla amadini enzelwe izithixo?
11 Aze ngokwazi kwakho oko atshabalale umzalwana oswele amandla, awathi uKristu wamfela.
12 Nisenjenjalonje ke ukona kubo abazalwana, nísidubule nje isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu.