15 Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, bàya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa.
16 Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala;
17 sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.
18 Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.