2 kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.
3 Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.
4 Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.
5 Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.
6 Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.
7 Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.
8 Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.