5 Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.
6 Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.
7 Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.
8 Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.
9 Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;
10 owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.
11 Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nákhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.