7 Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.
8 Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.
9 Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;
10 owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.
11 Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nákhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.
12 Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo,
13 nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu.