3 Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.
4 Esithé ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.
5 Ewe, ngenxa yoko, nákuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi;
6 ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;
7 ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke.
8 Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.
9 Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala.