14 benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni, bebambisa imiphefumlo engenakuzimaseka, benentliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana bengqalekiso.
15 Beyishiyile indlela ethe tye, balahleka, belandela indlela kaBhileham okaBhehore, owathanda umvuzo wokungalungisi;
16 wóhlwaywa ke ngokugqitha kwakhe umthetho; lathi iesile, lingenakuthetha nje, lathetha ngezwi lomntu, lamalela umprofeti lowo, ukuba angabi nxamnye nengqondo.
17 Aba bayimithombo engenamanzi, amafu aqhutywa luqhwithela, besigcinelwe bona isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.
18 Kuba, bevakalisa nje iindumbisa zamazwi angento yanto, babambisa ngeenkanuko zenyama, ngoburheletyo, abo babesindile, kanye kwabo bahambayo ekulahlekisweni.
19 Bebathembisa nje inkululeko, bona ngokwabo bangabakhonzi bokonakala; kuba lowo athi ubani eyiswe nguye, ukhonzisiwe nokukhonziswa kuye.
20 Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo.