1 Indoda enkulu ibhalela inkosikazi enyuliweyo nabantwana bayo, endibathandayo mna ngenyaniso; ingendim ndedwa, ingabo bonke abayazileyo inyaniso;
2 ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, eya kuba nathi ngonaphakade:
3 ithi, Makubekho kuni ubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakwiNkosi yethu uYesu Kristu, uNyana kaYise, kuni basenyanisweni naseluthandweni.
4 Ndavuya kunene kuba ndifumene kubantwana bakho kukho abahamba enyanisweni, njengoko samkeláyo umthetho kuye uYise.
5 Nangoku ndiyakucela, nkosikazi, kungengakuba ndikubhalela umthetho omtsha; ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqalekeni: ukuba sithandane.
6 Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo.