2 umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu.
3 Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndíkukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini;
4 ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndízikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo;
5 ndíkhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe.
6 Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho.
7 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.
8 Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo,