9 wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade;
10 lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;
11 endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga;
12 endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba únako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
13 Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu.
14 Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu.
15 Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene.