13 ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.
14 Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungènziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.
15 Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo úcikidekile, ungumsébenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.
16 Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.
17 Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto,
18 abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye.
19 Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nóthi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu.