6 Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.
7 Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.
8 Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.
9 Khawuleza uze kum kamsinya;
10 kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati.
11 NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba únokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.
12 Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.