2 Ntanda, ndinga ungáthi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.
3 Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni.
4 Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
5 Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,
6 abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;
7 kuba báphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga.
8 Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.