7 Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.
8 Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo.
9 Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe;
10 osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca.
11 Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; síya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.
12 Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.
13 Makungabikho namnye utshoyo akùhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.