11 Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
12 Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.
13 Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
14 Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi únokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?
15 Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe zé, beswele ukudla imihla ngemihla,
16 athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningàbaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na?
17 Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.