1 Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo.
2 Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu.
3 Igolide nesilivere yenu idliwe ngumhlwa; umhlwa wazo uya kuba lingqina ngakuni, uyidle inyama yenu njengomlilo. Niziqwebéle ubutyebi ngeemini zokugqibela.
4 Yabonani, umvuzo wabasebenzi, abavune amasimi enu, lowo ubandeziweyo nini, uyakhala; kwaye ukubhomboloza kwabavuni abo kungenile ezindlebeni zeNkosi yemikhosi.
5 Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo.
6 Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi.