1 Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali,
2 emhlonelayo, emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.
3 Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lemini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!
4 Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.
5 Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon,
6 umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo úya kukuxelela into omelwe kukuyenza.
7 Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;