43 Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.
44 Uthe akubon' ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawèla uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.
45 Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga;
46 kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo.Wandula waphendula uPetros wathi,
47 Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangàbhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje?
48 Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.