6 umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo úya kukuxelela into omelwe kukuyenza.
7 Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;
8 waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.
9 Ke kaloku ngengomso, bakubon' ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze.
10 Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon' ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:
11 wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omané, sithotyelwa emhlabeni;
12 ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho ziné, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.