12 Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo;
13 yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros, oya kuthetha kuwe amazwi,
14 owosindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yakho.
15 Ke kaloku, ekuqaleni kwam ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawèla, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni.
16 Ndakhumbula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, UYohane okunene wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.
17 Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?
18 Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.