5 Mna ndandisemzini oyiYopa ndithandaza; ndabona ethongweni umbono, kusihla isitya esithile, ngathi yilinen enkulu, ithotywa ezulwini ngamasondo omané, yada yaza kufika kum;
6 endithe ndakuqwalasela kuyo, ndaqiqa, ndabona izinto zomhlaba ezizitho ziné, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.
7 Ndeva ke izwi lisithi kum, Vuka, Petros, xhela udle.
8 Ndithe ke mna, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam.
9 Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena.
10 Oku ke kwabakho kathathu; zaza zonke ezo zinto zabuya zarholelwa ezulwini.
11 Gqi! kwaoko amadoda amathathu, ema ngasendlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum.