14 Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungu ngomhla wesabatha, bahlala phantsi.
15 Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani.
16 Usukile ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi:Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani.
17 UThixo waba bantu amaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo emhlabeni waseYiputa, wabakhupha kuwo ngengalo ephakamileyo.
18 Wathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mané, wayithwala imikhwa yabo entlango;
19 wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.
20 Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mané anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti.