35 Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola.
36 Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakúbona ukubola;
37 ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.
38 Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kúxelwa kuni uxolelo lwezono;
39 nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.
40 Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,
41 Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka;Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu,Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.(UHabh. 1:5)