4 Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.
5 Bathe ke, bakubon' ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:
6 bakúqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;
7 baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.
8 Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe.
9 Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,
10 wathi ngezwi elikhulu, Suka, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo; yesuka umtsi, yahambahamba.