1 Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga nalùswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.
2 Kuthe ngoko, kwakubon' ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.
3 Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.
4 Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.
5 Kwasuka kwema ke abathile abakholiweyo behlelo labaFarisi, besithi, Bamelwe kukuba balùke, nokuthi bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.