14 USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.
15 Áyavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
16 Emveni koku ndiya kubuya,Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide,Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo,Ndibuye ndiwumise;
17 Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi,Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam;Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.
18 Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.(UAm. 9:11,12)
19 Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;
20 kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.