13 Sathi ngomhla wesabatha, saphuma saya ngaphandle komzi ngasemlanjeni, apho umthandazo ubusakwenziwa khona; sahlala phantsi, samana sithetha kubafazi ababebuthelene khona.
14 Kwaye kuphulaphula intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos.
15 Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama.
16 Ke kaloku kwathi, kwakubon' ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa.
17 Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso.
18 Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa.
19 Ke kaloku, zakubona iinkosi zaso ukuba liphumile ithemba lenzuzo yazo, zababamba ooPawulos noSilas, zabarholela endaweni yembutho, kubaphathi: