19 Bamthabatha ke bamsa eAreyopago,* besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na?
20 Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singázi ngoko, ukuba zingaba zifuna ukuba yintoni na ezi zinto.
21 Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.
22 Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi:Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo.
23 Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, KONGÀZIWAYO UTHIXO. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.
24 UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla.
25 Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto.