7 athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare,* besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu.
8 Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.
9 Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.
10 Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.
11 La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.
12 Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, àbaba mbalwa.
13 Akùqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.