5 Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.*
6 Uthe ke, akùchasa, akùnyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga.
7 Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu.
8 Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.
9 Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungàthi tu;
10 ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kuló mzi.
11 Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.