28 Bakukuva ke oko, bazala ngumsindo, bankqangaza, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!
29 Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos.
30 Uthe ke uPawulos, enga angangena entlanganisweni yabantu, àbamvumela abafundi.
31 Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angàzinikeli endaweni yokubonela.
32 Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.
33 Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubon' ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.
34 Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa mabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!